Ukubanjelwa kwecandelo 10 loMthetho wesi-3 ka-2000
Icandelo elilandelayo ngenxa yoko libanjelwe ukulungiselela icandelo 10 lokuKhuthaza uLawulo loMthetho woBulungisa ka-2000:
Imimiselo nomgaqo wokuziphatha olungileyo wokulawula
 UmPhathiswa fanele enze imimiselo enxulumene kwi-
a inkqubo eziza kulandelwa ngabalawuli abonyuliweyo okanye ngokunxulumana kumabakala wezenzo zokulawula ukwenzala ukukhuthaza ilungelo elililo lenkqubo efanelekileyo;
b inkqubo eziza kulandelwa malunga nemibuzo yoluntu;
c inkqubo eziza kulandelwa malunga nesaziso neenkqubo zenkcazo; kwaye d inkqubo eziza kulandelwa malunga nezicelo zezizathu ; kunye e nomgaqo wokuziphatha olungileyo wokulawula ukwenzela ukunikeza abalawuli ngezikhokelo ezenziwayo nolwazi olujonge ekukhuthazeni ulawulo olusebenzayo nolunenzuzo yeenjongo zalo Mthetho.
UmPhathiswa angenza imimiselo enxulumene kwi-
a ekuzinzisweni , imisebenzi namandla ebhunga elicebisayo ukongamela ukusetyenziswa kwalo Mthetho nokucebisa umPhathiswa e-
i ukupapasha imithetho efanayo ngokufanelekileyo kwakunye namanqanaba afanele ukuqulunqwa nokuthatyathwa kwezenzo, kubandakanywa ukuqulunqwa nokugcinwa kweerejista eziqulathe imithetho yesiqendwana namanqanaba asetyenziswayo yimibutho karhulumente;
ii nayiphi na impucuko enokwenziwa malunga neenkqubo zezikhalazo zangaphakathi, izicelo zolawulo zangaphakathi kwakunye nokucingwa kwakhona izigwebo ziinkundla okanye izenzo zolawulo zeenkundla zamatyala;
iii ukuzinziswa kwenkundla zamatyala ezizimeleyo nezingenakhethe ngokufanelekileyo ukongeza kwiinkundla , ukucinga kwakhona isenzo solawulo nesenkundla zamatyalo zolawulo ezizodwa, ezibandakanya inkundla yamatyala enolawulo lwezobulungisa jikelele ngaphezu kwemibutho karhulumente okanye kwinani lemibutho karhulumente ukwenzela ukuphulaphula nokumisa izicelo ngokuchasene nesenzo solawulo;
iv ukucelwa kwabalawuli ngokufanelekileyo amaxesha ngamaxesha ukuba bacinge ngexesha lamanqanaba alawulwe ngabo kwaye awokumisela imilinganiselo yokulahlekelwa ngamalungelo okuzenzekelayo kwemithetho namanqanaba;
v iinkqubo zokufundisa uluntu namalungu nabasebenzi babalawuli ngokuphathelelene neziqulatho zalo Mthetho kwakunye namalungiselelo omGaqo-siseko anxulumene nesenzeko solawulo;
vi nayiphi na impucuko ejonge ekuqinisekiseni ukuba isenzeko solawulo sihambisana nesenzo esilungileyo solawulo;
vii nawaphi na amanyathelo anokukhokelela ekuzuzweni kweenjongo zalo Mthetho; kwaye viii nayiphi na enye into malunga nokuba umPhathiswa acele icebiso;
b ukwenza loo nto nokupapasha imithetho yokuziphatha ukuyila imithetho namanqanaba;
c inyathelo lokuqala, ukukhokela nokulungelelanisa iinkqubo zokufundisa uluntu amalungu kunye nabasebenzi babalawuli ngokuphathelelene neziqulatho zalo Mthetho kunye namalungiselelo omGaqo-siseko anxulumene nesenzo sokulawula d izinto ezifunekayo okanye ezivunyelweyo ngulo Mthetho ukuba zimiselwe ; kwaye e izinto eziyimfuneko okanye ezincedayo ukuba zimiselwe ukwenzela uku-
i zuza iinjongo zalo Mthetho; okanye ii xhomekeka kwicandelwana 3, ukunika isiphumo kulo naliphi na icebiso okanye izincomo libhunga elicebisayo ekubhekiselelwe kulo kumhlathi a
Eli candela lingangacacisi njengelinika amandla umPhathiswa ukwenza imimiselo ngaphandle kokuqala linxibelelane neKomishoni yeeNkonzo zasebuRhulumenteni, ngokuphathelele kuwo nawuphi na umbandela onokumiselwa yiKomishoni yeeNkonzo zasebuRhulumenteni eziphantsi komGaqo-siseko okanye nawuphi na omnye umthetho.
Nawuphi na ummiselo-
a owenziwe ngaphantsi kwamacandelwana 1a, b, c kunye no-d no-2 c, d kunye no-e fanele ngaphambi kokuba ipapashwe kwiGazethi, ingeniswe ePalamente; kwaye b owenziwe ngaphantsi kwecandelwana [ 1 e no-] 2c, dfanele ngaphambi kokupapashwa kwiGazethi ivunywe yiPalamente.
Nawuphi na ummiselo owenziwe ngaphantsi kwamacandelwana 1 no-2 okanye nawaphi na amalungiselelo omgaqo wokuziphatha olungileyo wokulawula owenziwe ngaphantsi kwecandelwana u5A elinokukhokelela ekudyakrazweni kwemali nguRhulumente ekufanele ukuba senziwe ngokunxumana nomPhathiswa wezeMali.
A UmPhathiswa fanele ngesaziso kwiGazethi ngokupapasha umgaqo wokuziphatha olungileyo wokulawula ukwenzela ukunikeza abalawuli izikhokelo ezenziweyo nolwazi olujonge ekukhuthazeni ulawulo olusebenzayo nolunenzuzo yeenjongo zalo Mthetho.
[Imimiselo] umgaqo wokuziphatha olungileyo wokulawula ocingelwayo kwicandelwana [1 e] u-5A fanele ngaphambi kokuba apapashwe kwiGazethi, avunywe yiKhabhinethi nayiPalamente kwaye fanele yenziwe kwiminyaka [emibini] nemithathu emva kokuqaliswa kwalo Mthetho"
